1 Thessalonians 2:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwa njalo, sinilangazelela kakulu nje, sibe sinxamela ukunabela ingeyiyo ivangeli katixo yodwa, iyiyo eyetu imipefumlo nayo, ngenxa yokuba nibe nitandekile kuti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokunjalo sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunabela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabele nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintanda kuthi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunabela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabele nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintanda kuthi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bendinithanda kangangokuba andanelanga nje kukunishumayeza ngeendaba ezimnandi zikaThixo, koko ndazinikela mna siqu ngenxa yenu. Bendinithanda ke khona!