1 Thessalonians 2:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nikumbula, bazalwana! ukuzama kwetu nokudiniswa kwetu: ngokuba, sisebenza ebusuku nasemini nje, size singabi bunzima kumntu wakuni, sibe siyishumayela kuni ivangeli katixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigu yethu; kuba sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigu yethu; sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khanikhumbule, mawethu, indlela ebesisebenza nzima ngayo sibulaleka. Besisebenza ubusuku nemini, sisebenzela ukuzixhasa, size singabi ngomthwalo mntwini, lo gama sinishumayezayo ngeendaba ezimnandi zikaThixo.