1 Thessalonians 4:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba kungabiko oti agqite alumkise umzalwana wake kulendawo: ngokokuba inkosi ingumpindezeli ngazo zonke ezizinto, njengokuba kanjalo besinixelele pambili sa ni nqi̔nisela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo; ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezi zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo, ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezo zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokukwanjalo ke makungabikho bani umonayo okanye umvuyelelayo umwabo kulo mbandela. Sesinilumkisile ngaphambili ukuba iNkosi iya kubohlwaya abo benza izinto ezinjalo.