1 Thessalonians 5:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba xeshekweni baya kuti: Kuko uxolo nokunqaba; iti oko ibafikele imbujiswa ngokwalama, njengokuba inimba ifik ela umfazi omitiyo; baye bengayi kusinda nakanye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo;baye bengayi kukha basinde.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba; oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kusinda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha akuyi kusinda mntu, kuba lo gama kanye abantu bathi lixolile, bakhuselekile, lifika ngequbuliso ishwangusha kubo, kanye njengentlungu eviwa ngumfazi oza kuzala.