1 Timothy 1:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuloko ngenxa yoku ndabamkela ububele, ukuze kwa kum ndingomkulu nje u‐Yesu Kristu abonakalise konke ukuzeka kade kwake, ukubenzela umlinganiso abo baya kukolwa kuye kube bubomi obungunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa kungenxa yesi sizathu kanye ukuba uThixo andenzele inceba, ukuze umonde kaKrestu Yesu ubonakale ngokupheleleyo ngam. Undibizile, nangona ndingobalaseleyo nje umoni, ukuze ndibe ngumzekelo kubo bonke abasaza kukholwa kuye bafumane obona bomi bungenasiphelo.