1 Timothy 1:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku kukumkani wobunapakade, kongonakaliyo, kongabonekiyo, kokupela kwolumkileyo utixo, makubeko udumo nobungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, kuye uKumkani wawo amaphakade, ongenakonakala, ongenakubonakala, kuThixo olumkileyo yedwa, makubekho imbeko nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuye uKumkani wawo amaphakade, ongenakonakala, ongenakubonakala, kuThixo olumkileyo yedwa, makubekho imbeko nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! *Amen.