1 Timothy 1:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Esi isiyalelo ndiyasibekela kuwe, nyana Timote! njengokweziprofitesho ezandulisayo ngawe, ukuba uyenze ngazo leyo mfazwe ilungileyo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Olu yalo ndilubeka phambi kwakho, mntwana wam Timoti, ngokweziprofeto ezandulelayo ngawe, ukuze ulwe ngazo ukulwa okuhle,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Loo myalelo ndiwunika wena Timoti, mntwana wam, ngokweziprofeto ezandulelayo ngawe, ukuze ulwe imfazwe entle ngazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo myalelo ndiwunika wena, Timoti, nyana wam, ngokwamazwi awodwa âvela kuThixo ethethwa ngawe mandulo. Ngoko ke loo mazwi makabe sisixhobo sakho edabini,