1 Timothy 1:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
sikwazi nje oku, okokuba umteto awudalelwa umntu olungileyo, koko udal elwa abalahlimteto nabangenakululamela, abangabedeshiyo naboni, abangenabungcwele nabaginwa, ababeti boyise nababeti bonina, ababulali babantu,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokwazi oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lungisa, uwiselwe ke abachasene nomthetho, nabangenakululama, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, nabahlambeli, ababethiyise nababethi-nina, izigwinta,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nisazi nje oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lilungisa, uwiselwe abachasene nomthetho, nabangevayo, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, abahlambelayo, ababulali ooyise, ababulali oonina, izigwinta;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Masikhumbule ke kodwa ukuba umthetho awenzelwa bantu balungileyo. Umthetho wenzelwa izaphula-mthetho, nezikrelemnqa, abangcolileyo, nabonayo, abanganquliyo, nabakhohlakeleyo, abo babulala ooyise noonina, izigwinta,