1 Timothy 3:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nangapandle kwokupikwa inkulu imfihlakalo yobubedesho: utixo wabonakaliswa enyameni, wagwetyelwa emoyeni, wabonwa zingelosi, washunyayelwa pakati kwabaheyideni, kwakolwa kuye elizweni, wenyuselwa pezulu ebungcwaliseni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo, ngokuvunyiweyo, inkulu imfihlelo yona leyo yokuhlonela uThixo: lowo wabonakalaliswa esenyameni, wagwetyelwa esemoyeni, wabonakala kwizithunywa zezulu, wavakaliswa phakathi kweentlanga, kwakholwa kuye ehlabathini, wenyuswa waba sebuqaqawulini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo, ngokuvunyiweyo, inkulu imfihlelo yona leyo yokuhlonela uThixo: wabonakalaliswa esenyameni, wagwetyelwa esemoyeni, wabonakala kwizithunywa zezulu, wavakaliswa phakathi kweentlanga, kwakholwa kuye ehlabathini, wenyuswa waba sebuqaqawulini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu: Wavela ngesimo sobuntu waza wangqinelwa nguMoya, wabonwa zizithunywa zezulu. Washunyayelwa ezizweni, wamkelwa lihlabathi, waza wawongwa ezulwini.