1 Timothy 4:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ukuqeliswa kwomzimba kunceda ngokuncinane; kodwa ububedesho bunceda ngenxa zonke, ekubeni bunaso isitembiso sobubomi bakaloku nje, nesobo buza kubako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.