1 Timothy 5:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati kanjalo kunye noko bafunde ukuba ngamavila, behambahamba kwizindlu ngezindlu; bengengamavila ke kodwa, koko kanjako bengamaṙoboṙobo nabazifakayo ezintweni zabanye, beteta izinto ezingafanelekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kunye noko ke bafunda ukungasebenzi nto, bethungelana nezindlu; banganeli kungasebenzi nto kodwa, basuka kananjalo babe ngamapholopholo, bazifake kwizinto zabanye, bathethe izinto ezingafanelekileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kunye noko ke bafunda ukungasebenzi nto, bethungelana nezindlu; banganeli kungasebenzi nto kodwa, besuka kananjalo babe ngamapholopholo, bazifake kwizinto zabanye, bathethe izinto ezingafanelekileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphandle kwaloo nto baziqhelisa nokuchitha ixesha behamba bejikeleza emizini, bagqibele benolwimi, behamba bethetha ngezinto zabantu.