1 Timothy 5:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiya ku yala kunene pambi kwake utixo, nenkosi u‐Yesu Kristu, nengelosi ezinyuliweyo, ukuba uzibambe ezizinto ungenakugweba pambili, ungenzi luto ngokuketa abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyakuqononondisa emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyakuyala phambi koThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyakuyala phambi koThixo, noYesu Krestu, kunye naphambi kwezithunywa zakhe, ukuba uyigcine le mithetho, ungabi namkhethe.