1 Timothy 5:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba kodwa kuko umhlolokazi onabo abantwana umhlaumbi abazukulwana, mabafunde kuqala ukwenza ngobubedesho kokwabo, babuyisele abazali babo: ngokuba oku kulungile, kukolekile ebusweni bukatixo kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba umhlolokazi unabantwana okanye abazukulwana mabafunde ukwenza iimfanelo zabo ekhaya kuqala, baze ngokwenjenjalo babuyekeze abazali babo, bamkholise noThixo.