1 Timothy 6:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abazityebi kwelilizwe lakaloku nje bayalele ukuba bangaqanqalazi, bangatembi ebutyebini obungenakuqina kanjako, bati batembe kutixo ohleliyo, osinikayo ngobuninzi zonke izinto kudliwe ukuyola ngazo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abazizityebi kweli phakade langoku bathethele bangakratshi, bangathembeli butyebini bungagqalekiyo; mabathembele kuThixo ophilileyo, obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathethele abazizityebi kweli hlabathi ukuba bangaphakami, bangathembeli butyebini bungagqalekiyo, mabathembele kuThixo ophilileyo, obeka phambi kwethu zonke izinto ngokobutyebi, ukuba zidliwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.