1 Timothy 6:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako abo banazo inkosi ezikolwayo, mabanga zi deli, kuba zingabazalwana; koko mabati ngakumbi ba zi konze, kuba bengamakolwa nabatandwa abo balwamkelayo uncedo lwesenzelelo sabo. Uti ezizinto uzifundise uziyale.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lawo ke ankosi zikholiweyo, makangazideli ngakuba zingabazalwana; makube kukhona azikhonzayo, ngokuba zingamakholwa, ziziintanda ezingamadlelana ngomsebenzi wokusiza. Bafundise ezi zinto, ubavuselele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lawo ke ankosi zikholiweyo, makangazideli ngakuba zingabazalwana; kanye ke bakhonze, ngenxa yokuba bethembekile, beziintanda, babelana ngenzuzo. Bafundise ezi zinto, uvuselele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Naxa abaphathi bengamakholwa, izicaka mazingabadeli kuba bekholwa kunye. Ndaweni yaloo nto mazithembeke ngakumbi, kuba kaloku abo zibasebenzelayo banye kunye nazo elukholweni naseluthandweni. Shumayela ufundise ngale mibandela.