2 Chronicles 1:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza utixo wati ku‐Solomone: Ngenxa yokuba lento ibisentliziyweni yako, ungacelanga ubutyebi, n endyebo, nodumo, nobomi bentshaba zako, ungacelanga kanjalo imihla emininzi: koko uzicelele ubulumko nokwazi, ukuze ubagwebe abantu bam endikwenzile ukumkani pezu kwabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uThixo kuSolomon, Ngenxa enokuba loo nto ibisentliziyweni yakho, akwacela ubutyebi, nenzuzo, nozuko, nobomi beentshaba zakho; kananjalo akwacela imihla emininzi, wasuka wazicelela ubulumko nokwazi, ukuze ubalawule abantu bam, endikwenze ukumkani kubo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo kuSolomon, Ngenxa enokuba loo nto ibisentliziyweni yakho, akwacela ubutyebi, nendyebo, nozuko, nobomi beentshaba zakho, akwathandaza imihla emininzi; ke ucele ubulumko bakho nokwazi kwakho, ukuze ube nako ukubalawula abantu bam endikumisele njengokumkani wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UThixo ke uthe kuSolomon: “Ngenxa yokuba lo ke ingumnqweno wentliziyo yakho, ungacelanga butyebi, nabunhanha, okanye ubuhandiba, ungatsho nokuba manditshabalalise iintshaba zakho, ewe, awucelanga nabomi bude, koko ucele ubulumko nokuqonda ukuze ube nako ukulawula abantu bam endikwenze ukumkani wabo,