2 Chronicles 1:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
upiwe ubulumko nokwazi; ndandiya kukunika nobutyebi, nendyebo, nodumo, ekungabangako onokunjalo pakati kwokumkani abebeko pambili kuwe, nasemva kwako akuyi kubako onokunjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ubunikiwe ubulumko nokwazi; ndiya kukunika ubutyebi, nenzuzo, nozuko, ekungabangakho unjalo kookumkani ababephambi kwakho, ekungayi kubakho unjalo emva kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Unikwe ubulumko nokwazi; yaye ngokuqinisekileyo ndiya kukunika ubutyebi nobutyebi nozuko olungazange lubekho kookumkani ababengaphambi kwakho, yaye akuyi kubakho namnye emva kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ngoko ke ndiza kukunika ubulumko nokuqonda, kananjalo ndikuthi jize ngobutyebi nobunhanha, ube sisihandiba sokumkani ekungekho wumbi wakha wanjengawe ngaphambili, engayi kubakho nasemva kwakho.”