2 Chronicles 1:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye benyusa bakupa e‐Jipete inqwelo nge shekele zesilivere ezingamakulu matandatu, nehashe ngezilikulu elinamashumi mahlanu: kwaye kunjalo bekukutshelwa bonke okumkani bama‐Hete, nokumkani be‐Siriya, ngesandla sabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphuma nenqwelo eYiputa, bayithenga ngamakhulu amathandathu eeshekele zesilivere, nehashe ngekhulu elinamanci mahlanu. Benjenjalo ke bona ngokwabo ukubathuthela amahashe ookumkani bonke bamaHeti nookumkani bama-Aram.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Benyuka ke, bathabatha inqwelo yokulwa eYiputa ngamakhulu amathandathu eeshekele zesilivere, nehashe ngekhulu elinamanci mahlanu; ngoko banikela ngamahashe kubo bonke ookumkani bamaHiti nookumkani bama-Aram ngesandla sabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Babethenga iinqwelo eJiputa, ixabiso layo nganye liziisiliva ezimakhulu mathandathu, nehashe ngeesiliva ezilikhulu elinamashumi amahlanu. Kananjalo babewathengisa kookumkani bamaHiti nabama-Aram.