2 Chronicles 1:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Solomone wateta kubo bonke o‐Sirayeli, kwinkosi zamawaka nezamakulu, nakubagwebi, nakuzo zonke inkosi pakati kwo‐Sirayeli bonke, intloko zendlu zoyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha uSolomon kumaSirayeli onke, kubathetheli bamawaka nabamakhulu, nakubagwebi, kwizikhulu zonke, kumaSirayeli onke, kwiintloko zezindlu zooyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha uSolomon kumaSirayeli onke, kubathetheli bamawaka nabamakhulu, nakubagwebi, kwizikhulu zonke zamaSirayeli onke, kwiintloko zezindlu zooyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uSolomon wathetha noSirayeli ewonke, iingqwayi-ngqwayi zamabutho aliwaka nalikhulu, abagwebi, nawo onke amadoda aphambili kwaSirayeli kunye neenkulu zezindlu.