2 Chronicles 1:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula waya u‐Solomone, nayo yonke intlanganiso kunye naye, endaweni epakamileyo ebise‐Gibeyone; ngokuba ibiko kona intente yentlangano katixo, leyo u‐Mosesi isicaka sikayehova ubeyenzile entlango.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya ke ooSolomon nebandla lonke elo esigangeni esibe siseGibheyon; ngokuba yabe ikhona intente yokuhlangana kaThixo, awayenzayo uMoses umkhonzi kaThixo entlango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya ke ooSolomon nebandla lonke esigangeni esibe siseGibheyon; ngenxa yokuba kwakukho intente yokuhlangana kaThixo eyayisenziwa nguMoses umkhonzi kaYehova entlango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yena uSolomon nebandla lonke baya endaweni ephakamileyo yonqulo eGibheyon, kuba kaloku yayilapho intente *yesibingelelo yokuhlangana noThixo, leyo yayenziwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo entlango.