2 Chronicles 1:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti isibingelo sexina, abesenzile u‐Betsalele, unyana ka‐Uri, unyana ka‐Hure, sibe silapo pambi kwetabanakele kayehova; baye befuna sona u‐Solomone nentlanganiso leyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isibingelelo sobhedu, abesenzile uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, sasilapho phambi komnquba kaYehova; bamquqela uYehova ooSolomon nebandla kwisibingelelo eso,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasibeka isibingelelo sobhedu, awasenzayo uBhetsaliyeli unyana kaUri, unyana kaHuri, phambi komnquba kaYehova; Wayifuna ke uSolomon nebandla elo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa lona iqonga lamadini lobhedu elalenziwe nguBhezaleli unyana kaUri unyana kaYuri laliseseGibheyon phambi kwesibingelelo sikaNdikhoyo. Ngoko ke uSolomon nebandla elo babuzisa kuNdikhoyo khona apho.