2 Chronicles 1:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kaloku, Yehova, Tixo! malinyaniswe ilizwi lako ku‐Davide ubawo wam; ngokuba undenzile ukumkani pezu kwabantu abanjengotuli lwomhlaba ukuba baninzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, Yehova Thixo, malinyaniseke ilizwi lakho owalenza kuDavide ubawo; ngokuba wena undenze ukumkani wabantu abaninzi njengothuli lomhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, Yehova Thixo, lizalise idinga owalenza kubawo uDavide, kuba undenze ukumkani wohlanga olukhulu njengothuli lomhlaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke, Ndikhoyo Thixo wam, idinga owalimilisela ubawo uDavide khawuncede ulibethelele lifezeke, kuba kaloku undenze ukumkani wenyambalala engaka yabantu abaninzi njengothuli lomhlaba.