2 Chronicles 10:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akapulapula ke ukumkani ebantwini; ngokuba belulujiko luvela kutixo, ukuze uyehova aliqinise ilizwi lake, elo walitetayo ngaye u‐Ahiya um‐Shilo ku‐Jerobome unyana ka‐Nebati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akabaphulaphulanga ke abantu ukumkani; ngokuba esi siphendu sibe siphuma kuThixo, ukuze uYehova alimise ilizwi lakhe, abelithethile ngoAhiya waseShilo kuYarobheham unyana kaNebhati.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kungenxa yoko le nto ukumkani engabaphulaphulanga abantu, ngenxa yokuba lo mbandela wawungokaThixo, ukuze uYehova alizalise ilizwi awayelithethile ngoAhiya uMoshilo kuYerobhoham unyana kaNebhati.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ukumkani akabaphulaphulanga abantu, phofu ke ukuhamba kwezinto ngale ndlela kwakuvela kuThixo, efezekisa ilizwi awalithetha kuJerobhowam unyana kaNebhati ngomlomo ka-Ahiya waseShilo.