2 Chronicles 10:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati bakubona bonke o‐Sirayeli ukuba ukumkani akapulapuli kubo, bapendula abantu kukumkani, besiti: Sisipina isabiwo esinaso ku‐Davide? akuko kuti nelifa kunyana ka‐Jese: abanye ngabanye ezintenteni zenu, bo‐Sirayeli! kaloku kangela kweyako indlu, Davide! Basuka baya o‐Sirayeli bonke ezintenteni zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Asinalifa kunyana kaYese; elowo makaye ententeni yakhe, maSirayeli; zikhangelele ngoku indlu yakho, Davide. Aya ezintenteni zawo ke amaSirayeli onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Asinalifa kunyana kaYese; Kaloku ke, Davide, gcina indlu yakho. Aya ezintenteni zawo onke amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uSirayeli ewonke uthe akubona ukuba ukumkani uyala ukuphulaphula, wamphendula wathi: “Sinasabelo sini na kuDavide? Sinanxaxhebani na kunyana kaJese? Godukani, maSirayeli! Ke wena, Davide, jongana nendlu yakho!” Ngoko ke onke amaSirayeli agoduka.