2 Chronicles 10:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, kwakuviwa ngu‐Jerobome unyana ka‐Nebati, (kekaloku yena ebese‐Jipete, ngokuba ebesabile ebusweni buka‐Solomone ukumkani; wada u‐Jerobome wabuya e‐Jipete;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuva uYarobheham unyana kaNebhati (eseYiputa, apho wayebalekele khona ebusweni bukaSolomon ukumkani; ehleli uYarobheham eYiputa, bathumela bambiza),
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weva uYarobheham, unyana kaNebhati, eYiputa, apho wayebalekele khona ngenxa kaSolomon ukumkani, wabuya uYarobheham eYiputa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke akuyiva loo nto uJerobhowam unyana kaNebhati, wasuka wabuya apho eJiputa – kaloku wayeseseJiputa oko wayebaleke ukumkani uSolomon.