2 Chronicles 11:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Rehobome akufika e‐Yerusaleme, wahlanganisa indlu ka‐Juda no‐Benjamine, amawaka alikulu linamashumi asibozo amadodana eqelene nokulwa, ukuba kuliwe no‐Sirayeli, kuze kubuyiselwe ubukumkani ku‐Rehobome.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza uRehabheham eYerusalem, wabizela ndawonye indlu yakwaYuda neyakwaBhenjamin, ikhulu elinamanci asibhozo amawaka amadodana okulwa imfazwe, ukuba aye kulwa namaSirayeli, bubuyiselwe ubukumkani kuRehabheham.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza uRehabheham eYerusalem, wabizela ndawonye indlu yakwaYuda neyakwaBhenjamin, ikhulu elinamanci asibhozo anesibini amawaka amadoda okulwa, ukuba aye kulwa namaSirayeli, bubuyiselwe ubukumkani kuRehabheham.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akufika eJerusalem uRehobhowam waqokelela indlu kaJuda nekaBhenjamin – amawaka alikhulu elinamashumi asibhozo ewonke amadoda omkhosi – ukuze alwe noSirayeli alubuyisele ulawulo kuRehobhowam.