2 Chronicles 11:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nakuzo zonke izixeko ngezinye wabeka amakaka nemikonto, wakolisa ukuzinqabisa kakulu: baye o‐Juda no‐Benjamine bebengabake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nakwimizi ngemizi yonke wabeka amakhaka, nezikhali;wayiqinisa kakhulu kunene. Aba kuye amaYuda namaBhenjamin.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwisixeko ngasinye wabeka amakhaka nemikhonto waza wayenza yomelela ngokugqithiseleyo, yaye uYuda noBhenjamin babesondele kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuzo zonke ezi zixeko wabeka amakhaka nemikhonto, wazitsho zomelela kunene. Ngoko ke uJuda noBhenjamin yaba ngabakhe.