2 Chronicles 11:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba aba‐Levi bebeshiya inqele zabo, nemfuyo yabo, baya kwa‐Juda nase‐Yerusaleme: (ngokuba u‐Jerobome nonyana bake bebebalahlile ukuba bangakonzi ngobuperisite kuyehova:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba abaLevi bawashiya amadlelo abo, nemfuyo yabo, beza kwaYuda naseYerusalem; ngokuba uYarobheham noonyana bakhe babebakhuphile, ukuba bangabi ngababingeleli kuYehova;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba abaLevi bawashiya amadlelo abo nendyebo yabo baza beza kwaYuda naseYerusalem, ngenxa yokuba uYarobheham noonyana bakhe babebayekisile ekukhonzeni uYehova njengababingeleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AbaLevi bayishiya imihlaba yabo ngokunjalo namadlelo abo, baya kwaJuda naseJerusalem, kuba uJerobhowam noonyana bakhe babubukula ububingeleli babo ngokumiselwa *nguNdikhoyo.