2 Chronicles 11:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasemva kwabo, bevela kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, abo babekisayo intliziyo zabo ukumfuna uyehova, utixo wo‐Sirayeli, beza e‐Yerusaleme, ukuba babingelele kuyehova, utixo woyise babo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emva kwabo ke, ezizweni zonke zakwaSirayeli, bathi abazinikelayo iintliziyo zabo ukumquqela uYehova uThixo kaSirayeli, beza kubingelela eYerusalem kuYehova, uThixo wooyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kwabo kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli beza eYerusalem ababezimisele ukufuna uYehova uTHIXO kaSirayeli, ukuze benze umbingelelo kuYehova uTHIXO wookhokho babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuzo zonke izindlu zikaSirayeli abantu ababezimisele ukulandela uNdikhoyo uThixo kaSirayeli bemka nabaLevi, baya eJerusalem, ukuze banikele amadini kuNdikhoyo uThixo wooyise.