2 Chronicles 11:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza babuqinisa ubukumkani bakwa‐Juda, bamomeleza u‐Rehobome unyana ka‐Solomone, iminyaka yamitatu; ngokuba bebehamba ngendlela ka‐Davide no‐Solomone iminyaka yamitatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babuzinzisa ubukumkani bukaYuda, bamomeleza uRehabheham unyana kaSolomon iminyaka emithathu; ngokuba bahamba ngendlela kaDavide noSolomon iminyaka emithathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babuqinisa ubukumkani bukaYuda, bamomeleza uRehobhoham unyana kaSolomon iminyaka emithathu; bahamba emanyathelweni kaDavide noSolomon iminyaka emithathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bawomeleza umbuso wakwaJuda, bamxhasa uRehobhowam unyana kaSolomon iminyaka yamithathu, behamba ngeendlela ababehamba ngazo besaphila uDavide noSolomon.