2 Chronicles 11:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Rehobome watanda u‐Mahaka intombi ka‐Abasalome, ngapezu kwabo bonke abafazi bake namashweshwe ake: (ngokuba ebezekile abafazi abalishumi linesibozo, namashweshwe amashumi matandatu; wazala onyana abamashumi mabini enesibozo, nentombi ezimashumi matandatu.)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
URehabheham wathanda uMahaka intombi ka-Abhisalom, ngaphezu kwabafazi bakhe bonke namashweshwe akhe (ngokuba ubenabafazi abalishumi elinesibhozo, namashweshwe angamashumi amathandathu; wazala oonyana abamashumi mabini anesibhozo, neentombi ezimashumi mathandathu).
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uRehabheham wathanda uMahagi, intombi ka-Abhisalom, ngaphezu kwabafazi bakhe bonke, nezithende zakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uRehobhowam wayemthanda gqitha uMahaka lo uyintombi ka-Abhasalom, kuye ebalasele kunabo bonke abafazi bakhe ndawonye namaqadi. Wayenabafazi abalishumi elinesibhozo, amaqadi wona engamashumi amathandathu. Oonyana bakhe babengamashumi amabini anesibhozo, iintombi zingamashumi amathandathu.