2 Chronicles 11:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesenza ngokulumkileyo, wacita kubo bonke onyana bake pakati kwawo onke amazwe akwa‐Juda nawakwa‐Benjamine, kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo, wabanika ukutya ngento eninzi; wa ba funela isininzi sabafazi kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza ngengqondo, wabathi saa oonyana bakhe bonke emazweni onke akwaYuda nakwaBhenjamin, emizini yonke enqatyisiweyo, wabanika ukudla okuninzi, wabafunela into eninzi yabafazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza ngengqiqo, wabathi saa bonke oonyana bakhe ezweni lakwaYuda nelakwaBhenjamin, emizini yonke enqatyisiweyo; wabanika ukutya okuninzi. Wafuna abafazi abaninzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
URehobhowam wenza ubuchule, oonyana bakhe wabasarhaza kuzo zonke izithili zakwaJuda nakwaBhenjamin, kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo. Wabaxhasa ngokwaneleyo, wabathathela abafazi abaninzi.