2 Chronicles 11:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Aniyi kunyuka, aniyi kulwa nabazalwana benu kanjalo: buyani abanye ngabanye ukuya endlwini yabo: ngokuba lento yenzekile ngam. Bandula bapulapula amazwi kayehova, babuya ekuyeni kwabo ngaku‐Jerobome.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Ize ninganyuki; ize ningalwi nabazalwana benu. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphume kum le nto. Baliphulaphula izwi likaYehova, babuya ekuyeni kulwa noYarobheham.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Ize ningenyuki niye kulwa nabazalwana benu; makabuyele elowo endlwini yakhe, ngokuba yenziwe kum le nto. Bawaphulaphula amazwi kaYehova baza babuya edabini nxamnye noYerobhoham.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Musani ukuya kulwa namawenu. Godukani nonke ngabanye, kuba le nto yenziwe ndim.’ ” Ngoko ke bawathobela amazwi kaNdikhoyo, babuya ekuhlaseleni uJerobhowam.