2 Chronicles 12:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute, nxa u‐Rehobome abeqinisile ubukumkani, nanxa womelelayo, washiya umteto kayehova, no‐Sirayeli bonke kunye naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi bakubon ukuba buzinzile ubukumkani bukaRehabheham, akomelela, wawushiya umyalelo kaYehova, namaSirayeli onke kunye naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubuqinisa uRehabheham ubukumkani, womelela, wawulahla umyalelo kaYehova, namaSirayeli onke kunye naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uRehobhowam akuba ewuzinzisile umbuso wakhe selomelele, wasuka yena noSirayeli ephela bawulahla umthetho *kaNdikhoyo.