2 Chronicles 12:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ukumkani u‐Rehobome wazomeleza e‐Yerusaleme, wapata ubukumkani: ngokuba u‐Rehobome ebeyiminyaka engamashumi mane anamnye ubudala bake, akuba ngukumkani, waza wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesixe̔nxe e‐Yerusaleme, isixeko abesinyulile uyehova kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ukuba alibeke igama lake kona. Igama lonina lalingu‐Nahama, um‐Hamonikazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waziqinisa ukumkani uRehabheham eYerusalem, waba ngukumkani; ngokuba uRehabheham ebeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi lowo wawunyulayo uYehova kwizizwe zonke zakwaSirayeli, ukuba alimise khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uRehabheham wazenzela amandla eYerusalem, walawula; ngenxa yokuba uRehobhoham wayeneminyaka engamashumi amane ananye ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe eYerusalem, isixeko awasinyulayo uYehova kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli ukuba asimise igama lakhe apho. Igama lonina belinguNahama umAmon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani uRehobhowam wazinza eJerusalem, waza wawuqhuba wahamba kakuhle umbuso wakhe. Ukungena kwakhe embusweni wayeneminyaka emashumi mane ananye, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe eJerusalem, isixeko esachongwayo nguNdikhoyo kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli, apho walimisa khona igama lakhe. Unina yayinguNama umAmonikazi.