2 Chronicles 12:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akubona uyehova ukuba bazigobile, kweza ilizwi likayehova ku‐Shemaya, lisiti: Bazigobile, andiyi kubatshabalalisa; koko ndiya kubanika ukusinda ngomzuzwana, uze umsindo wam ungatululwa pezu kwe‐Yerusaleme ngesandla sika‐Shishaki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubona uYehova ukuba bazithobile, lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, lisithi, Bazithobile; andiyi kubonakalisa; ndiya kubanika ukusinda ixeshana, bungathululelwa ubushushu bam eYerusalem ngesandla sikaShishaki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubona uYehova ukuba bazithobile, lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, lisithi, Bazithobile; ke ngoko, andiyi kubatshabalalisa, kodwa ndiya kubanika olunye usindiso; yaye umsindo wam awuyi kuthululelwa eYerusalem ngesandla sikaShishaki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uNdikhoyo, akubona ukuba bayazithoba, wathumela eli lizwi kuShemaya wathi: “Ngenxa yokuba bezithobile andisayi kubatshabalalisa, koko ndokhawuleza ndibahlangule. Andisayi kuwuphokozela eJerusalem ngoShishaki umsindo wam.