2 Chronicles 12:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wenyuka ke u‐Shishaki ukumkani we‐Jipete ngakuyo i‐Yerusaleme, wasusa indyebo zendlu kayehova, nendyebo zendlu yokumkani; kwa zonke wazisusa: wasusa namakaka egolide abewenzile u‐Solomone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka ke ukumkani waseYiputa, wafika walwa neYerusalem, wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uShishaki ukumkani waseYiputa wayihlasela iYerusalem waza wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova nobuncwane bendlu kakumkani; wathabatha yonke into; wawathabatha namakhaka egolide abenziwe nguSolomon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uShishaki ukumkani waseJiputa wayihlasela iJerusalem, waza wabuthimba ubutyebi obabusendlwini kaNdikhoyo nobo babukoovimba basebhotwe. Wabutha konke nje kunye naloo makhaka egolide ayenziwe nguSolomon.