2 Chronicles 13:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo, bona ke, kuko nati utixo ngokuba yintloko, nabaperisite benamaxilongo okuvusa, ukuba bahlokomise ivuso ngakuni. Lusapo luka‐Sirayeli! ningalwi ngakuye uyehova, utixo woyihlo benu; ngokuba ningayi kuhambiseka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Niyabona, unathi eyintloko uThixo, nababingeleli bakhe banathi, namaxilongo okuduma, ukuba anivuse. Nyana bakaSirayeli, musani ukulwa noYehova uThixo wooyihlo; ngokuba aniyi kuba nampumelelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye qaphelani, uThixo ngenene unathi kumlawuli wethu, kwaye ababingeleli bakhe baphethe amaxilongo avakalisa ukumbulala ukumkani. Nina nyana bakaSirayeli, musani ukulwa noYehova, uThixo wooyihlo; ngokuba akuyi kuphumelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niyabona, uThixo unathi; nguye osikhokelayo. Nangoku ababingeleli bakhe baza kunihlabel' umkhosi ngamaxilongo abo. Ewe, maSirayeli, musani ukulwa noNdikhoyo onguThixo wooyihlo, kuba ke soze niphumelele.”