2 Chronicles 13:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Abiya wahlanganisa ukulwa ngempi yamagoṙa okulwa, yamawaka angamakulu mane amadoda anyuliweyo: wati no‐Jerobome wacwangcisela ukulwa ngakuye, enamawaka angamakulu asibozo amadoda anyuliweyo, amagoṙa abuṙoti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhiya wayiqala imfazwe ngempi yamagorha okulwa, engamakhulu amane amawaka ahleliweyo; uYarobheham naye wazakha izintlu zakhe zokulwa naye, zingamakhulu asibhozo amawaka ahleliweyo, angamagorha anobukroti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhiya wayixhobela imfazwe enempi yamagorha, engamakhulu amane amawaka ahleliweyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhiya walwa noJerobhowam, uAbhiya enomkhosi wamawaka angamakhulu amane amajoni angoompondo-zihlanjiwe. Ke uJerobhowam wangena kuloo mfazwe enomkhosi ongamakhulu asibhozo amawaka amajoni aziimbalasane.