2 Chronicles 13:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ninga ningakwazi na ukuba uyehova, utixo wo‐Sirayeli, wanika ubukumkani ku‐Davide pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade, kwa kuye nakonyana bake, ngocebano lwetyuwa?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
aninakwazi na ukuba uYehova, uThixo kaSirayeli, ubukumkani kumaSirayeli wabunika uDavide ngonaphakade, yena noonyana bakhe, ngomnqophiso wetyuwa?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Anazi na ukuba uYehova, uThixo kaSirayeli, wamnika uDavide ubukumkani bakwaSirayeli ngonaphakade, yena noonyana bakhe, ngomnqophiso wetyuwa?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba anazi na ukuba *uNdikhoyo uThixo wakwaSirayeli umbuso wakwaSirayeli wawunikela kwindlu kaDavide nesizukulwana sayo ngomnqophiso wetyuwa oya kuma ngonaphakade?