2 Chronicles 13:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuhlanganisene kuye namadoda angendawo, usapo lwobunginingini, abezikalipisa ngakuye u‐Rehobome unyana ka‐Solomone, nxa u‐Rehobome ebengumfana, etambile ngentliziyo, ukuba ebengenako ukuzomeleza ngakuwo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wabuthela kuye amadoda angenabuntu, angamatshijolo, aziqinisa, amchasa uRehabheham unyana kaSolomon; uRehabheham engumfana ontliziyo ithambileyo, engomelele phambi kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwandula ke kwahlanganisana kuye amadoda angenabuntu, oonyana bakaBheliyali, abomelezayo nxamnye noRehobhoham unyana kaSolomon, ngoxa uRehobhoham wayeselula yaye enentliziyo ebuthathaka yaye engakwazi ukumelana nabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iqedlana leendlavini lasuka langakuye, lachasana noRehobhowam unyana kaSolomon, bamvuyelela kuba eselula, engekabi namava, futhi engekomeleli ukuba abe nokuchasana naye.