2 Chronicles 13:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Anibagxotanga na abaperisite bakayehova, onyana baka‐Arone, naba‐Levi, nazenzela abaperisite njengabantu bamazwe? ade ati osukuba esiza ukuzitwasisa ngenkunzana elitole lenkomo nangenkunzi zegusha ezisixe̔nxe, abe ngumperisite wabangengotixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Anibagxothanga yini na ababingeleli bakaYehova, oonyana baka-Aron, nabaLevi; nazenzela ababingeleli njengezizwe zamanye amazwe? bada bonke abo baza kuzimisela ngenkunzi elithole lenkomo, neenkunzi zeegusha ezisixhenxe, benziwa ababingeleli kwabangethixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Asinini na aba bagxothayo ababingeleli bakaYehova, oonyana baka-Aron nabaLevi, naza anibamisela ababingeleli benu ngokwesiko leentlanga zakwamanye amazwe? ukuze nabani na oza kumngcwalisa ngenkunzi yenkomo nangeenkunzi zeegusha ezisixhenxe, abe ngumbingeleli ongenguye uthixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andithi na kaloku nabagxotha ababingeleli bakaNdikhoyo abangoonyana baka-Aron kunye nabaLevi, naza nina nazimisela abenu ababingeleli njengezinye izizwe? Kuni nabani na ozihlambulula ngenkunzi yenkomo eselula, kunye nesixhenxe seenkunzi zeegusha, lowo ke uba ngumbingeleli wento engenguye nothixo.