2 Chronicles 14:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WADA u‐Abiya walala noyise bake, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide; waza u‐Asa unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake. Kweyake imihla ilizwe lalonwabile iminyaka yalishumi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhiya walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; ke uAsa unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhiya walala noyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide; unyana wakhe uAsa waqalisa ukulawula esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka elishumi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhiya ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa kwisixeko sikaDavide. UAsa unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.