2 Chronicles 14:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Asa wabiza kuyehova, utixo wake, wati: Yehova! asi nto kuwe ukunceda, nokuba ngabanamandla, nokuba ngabaswele amandla: sincede, Yehova, Tixo wetu! ngokuba sisayama kuwe, nangegama lako sizile ngakuso esisihlwele. Yehova! u ngutixo wetu wena; maingakwoyisi into engumntu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yehova, akukho bani ingenguwe onokunceda phakathi konamandla nongenawo.Sincede, Yehova, Thixo wethu; ngokuba sayame ngawe, size kule ngxokolo egameni lakho. Yehova, unguThixo wethu, makangabi namandla umntu okumelana nawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yehova, aniyi kubanceda abaninzi nabasweleyo; sincede, Yehova, Thixo wethu! ngokuba sikholose ngawe, sihlasela esi sihlwele ngegama lakho. Yehova, unguThixo wethu; ungaphoswa mntu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAsa ke wabiza kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Ndikhoyo, akekho onjengawe omncedayo ongenamandla angabhuqwa ngonamandla. Ngoko ke sincede, Ndikhoyo, Thixo wethu. Kaloku thina sithembele ngawe; naku ke ngoku egameni lakho sijongene nalo mkhosi ungaka. Ndikhoyo, unguThixo wethu; musa ukuvumela umntu amelane nawe.”