2 Chronicles 14:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Asa nabantu abebenaye bawaputuma kwada kwase‐Gerari; andula awa kuwo ama‐Tiyopiya, kwada akwabiko ukugcinwa kwobomi kuwo; ngokuba ebecitwa pambi kwoyehova, napambi kwomkosi wake: bada bemka namaxoba amaninzi kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAsa nabantu ababenaye bawasukela, bada besa eGerare;oyiswa amaKushi ngokokude angabi nakubuya aphethule; ngokuba aqotywa phambi koYehova, naphambi komkhosi wakhe; bemka nexhoba elininzi kunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAsa namadoda abenaye bawasukela, bada besa eGerare; ngokuba aqotywa phambi koYehova, naphambi kweentshaba zakhe; baphanga into eninzi yamaxhoba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza uAsa nomkhosi wakhe wawasukela wada wee xhaxhe ngeGerare. Kwafa inyambalala yamaKushe, ngangokude angabi sabi nako ukuphinda enze ibuyambo; ewe, uNdikhoyo nomkhosi wakhe wawatshabalalisa. Ke amadoda akwaJuda athatha into eninzi yamaxhoba.