2 Chronicles 14:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo babeta zonke izixeko ezingqongayo i‐Gerari; ngokuba ulwoyiko lukayehova belubako pezu kwazo: baza bazipanga zonke izixeko ezo; ngokuba impango eninzi ibipakati kwazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayingenela yonke imizi ngeenxa zonke eGerare; ngokuba yafikelwa kukunkwantyiswa nguYehova. Bayiphanga yonke imizi;ngokuba amaxhoba ayemaninzi kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayingqinga yonke imizi ngeenxa zonke eGerare; ngokuba bafikelwa kukunkwantya kukaYehova, bayithimba yonke imizi; ngokuba amaxhoba ebemaninzi kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Azitshabalalisa zonke iidolophana ezijikeleze iGerare; kaloku bonke babengcangcazela besoyika uNdikhoyo. Bazitshabalalisa zonke ezo dolophana, abe ke amaxhoba emaninzi gqitha apho.