2 Chronicles 14:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wazisusa kuzo zonke izixeko zakwa‐Juda indawo ezipakamileyo nezifanekiselo zelanga: baye ubukumkani bonwabile pambi kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazisusa ke emizini yonke yakwaYuda iziganga, neentsika zelanga; bazola ubukumkani phambi kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakhona wazisusa iindawo eziphakamileyo nemifanekiso eqingqiweyo kuzo zonke izixeko zakwaYuda, baza ke ubukumkani bazola phambi kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo namaqonga eziqhumiso kuzo zonke iidolophu zakwaJuda, laza ke ilizwe laxhamla inzolo ngexesha lakhe.