2 Chronicles 14:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako wabete ko‐Juda: Makesizake izixeko ezi, sizenze indonga ngokungqonga, nenqaba, ingcango, nemivalo, nxa ilizwe lisepambi kwetu: ngokuba simfunile uyehova, utixo wetu; sa m funa ke, wasipumza ngamacala onke. Baza baka ke, bahambiseka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke kumaYuda, Masiyakhe le mizi, siyijikeleze ngeendonga neenqaba ezinde, senze iingcango nemivalo, lisephambi kwethu nje ilizwe; ngokuba simquqele uYehova uThixo wethu samquqela, wasiphumza ke ngeenxa zonke. Bayakha baba nempumelelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke kumaYuda, Masiyakhe le mizi, senze iindonga ngeenxa zonke kuyo, sibe neenqaba ezinde, sibe namasango, namasango, libe phambi kwethu ilizwe; ngokuba samquqela uYehova uThixo wethu, samquqela kuye, wasiphumza ngeenxa zonke. Bakha ke baba nempumelelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathetha noJuda wathi: “Masizomeleze ezi dolophu, sizibiyele zibe neenqaba namasango nemivalo. Lo mhlaba ngowethu, kuba simfunile uNdikhoyo uThixo wethu; ewe, simzondelele ukumfuna, waza ke wasinika ukuphumla macal' onke.” Ngoko ke bakha, baza banenkqubela.