2 Chronicles 15:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako no‐Mahaka, unina ka‐Asa ukumkani, wamshenxisa ukuba angabi ngukumkanikazi, ngokokuba ebelenzile idalo ku‐Ashera; waza u‐Asa wagaula idalo lake, walikanda, walitshisa ngasemlanjaneni we‐Kidrone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo ukumkani wamguzula uMahaka unina, ukuba angabi saba yinkosikazi; ngokokuba wayemenzele uAshera isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasixhaxha isithixo sakhe, wasithi vithivithi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo uMaga, unina wokumkani uAsa, wamsusa ebukumkanini, ngokuba wenze umfanekiso oqingqiweyo ehlathini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uAsa wamkhiqa unina-khulu uMaka kwisikhundla sokuba yikumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika wayinqunqa, waza wayitshisa kwintili yeKedron.