2 Chronicles 15:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akuva u‐Asa lamazwi, nesiprofitesho sika‐Hodedi umprofite, wazomeleza, wakwelelisa izinto ezibuntshontsho kulo lonke ilizwe lakwa‐Juda nelakwa‐Benjamine, nakuzo izixeko wabezitimbile entabeni yakwa‐Frayime, wahlaziya isibingelo sikayehova, esibe sipambi kwentendelezo kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAsa, akuweva loo mazwi nesiprofeto sikaOdede umprofeti, womelela, wazikhwelelisa zonke izinto ezinezothe ezweni lonke lakwaYuda nelakwaBhenjamin, nasemizini abeyithimbile kweleentaba lakwaEfrayim; wasihlaziya isibingelelo sikaYehova, esiphambi kwevaranda kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAsa akuweva la mazwi nezihlabo zikaOdedi umprofeti, womelela, wazisusa imifanekiso enezothe ezweni lonke lakwaYuda nelakwaBhenjamin, nemizi awazithimbayo kweleentaba lakwaEfrayim, wazihlaziya, wasisusa isibingelelo kaYehova ephambi kwevaranda kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka ke uAsa wakhuthazeka akuyiva intshumayelo yomshumayeli unyana kaOdede. Wayitshitshisa imifanekiso engamasikizi kuwo wonke umhlaba wakwaJuda nowakwaBhenjamin, nakwiidolophu awazithimba kweleentaba lakwaEfrayim. Walilungisa iqonga likaNdikhoyo elaliphambi kwevaranda yendlu kaNdikhoyo.